
	UMZWANDILE MATIWANA llnene	UW.H. MCKINNEY ufuna
	elinama-29 eminyaka	ukubhalelwa. Unama-40
	elinqwenela  ukubhalelwa	emi nyaka, mde kwaye
	ngamanenekazl anemlnyaka	unomtsalane, idilesi yakhe ithl
	ephakathi kwama-22 nama-	Box 16103, Las Cruces, New
	39. Uthanda ukufunda,	Mexico, 88004, U,S.A.
	ukubhala imibongo, umculo.
	ukubukela umabonakude	UWILLIAM REBE unama-28
	nokuya ecaweni, Uthetha	eminyaka, uthanda
	isiXhosa kodwa ucelwa	u kubhalelwa
	ukubhaleiwa ngesiNgesi.	ngomagqiyazana aneminyaka
	Nontsi idilesi yakhe 95595305,	ephakathi kwama-20 nama
	Medium B Prison, St Albans,	27. Uthanda ukufunda
	Privofe Bag X60551 Port	ukubhala iincwadi
	Elizobeth, 6000.	nezemidlalo, Makabhalelwe
		ngesixhosa okanye lsiNgesi
	UAINA FOREVER KALEKELA	kule dilesi St Albans Maximum,
	Linenekazi elinama-24	Private Bag X60551 Port
	erninyaka elinqwenela	Elizabeth, 6000.
	ukubhalelwa nguye nabani
	na. Uthanda ukuphana	UFELIE F.D.CH1BWANA linene
	ngeefoto, izipho nokubhala	elinama-21 eminyaka
	incwadi, ukubukela	elinqwenela ukubhalelana
	umabonakude, ukuphulaphula	naye nabani na. Uthanda
	umculo, ukufundo iinoveli	ukufunda iincwadi, ukuya
	nokuncokola nabahlobo.	ecaweni nokuphulaphula
	Makabhalelwe ngesiNgesi	unomathotholo. idilesl yakhe
	nesiXhosa. ldilesi yakhe ithi	lthi cio Mr E.D.Masowa, V.B.S.,
	Ondjondjo, P0 Box 320,	P0 Box 540, Blantyre, Malawl.
	Ondangwa, Namibia.
		UDUDUZILE NGWENYA
	ULASTON ALIZWAN linene	linenekazl eline-15 feminyaka
	aseZambia elineminyaka	linqwenela u kubhalelwa
	engama.29 elinqwenela	ngamanye aneminyaka
	ukubhalelwa ngabanfundi	ophakathi kwe-15 nama-25.
	abaneminyaka ephakathi	Uthanda ukubhala iincwadi
	kwama-21 nama-29	ukufunda iincwodi zamabali,
	abaneembono zokubhala	ukubukela ITV neevidiyo,
	iincwadi zamabalana,	ukuphulaphula umculo,
	lngakumbl angothando.	ukucula, ukudanisa nokuya
	Phakathi kwezinto azithandayo	enkonzwenl. Khanimbhalele
	singabalula ukukhenketha,	ngesiNgesl kuphela. idilesl
	ukufunda amabali othando,	yakhe ifhl: 516 Emakhandeni.
	ukushishina nokudala	P0 Entumbane, Bulawayo,
	ubuhlobo. Nantsi idilesl yakhe:	zimbabwe.
	clo Mr A. Wisikesi, Aglp. Z. Ltd,
	P0 Box 32353, Lusaka, Zambia.	UKEITH LEONART ngumfo one-
		18 leminyaka othanda
	UAMUTENYA SEM llnene eline-	ukubhalelwa
	16 ieminyaka eiinqwenela	ngamagqiyazana aneminyaka
	ukubhaielana nabanfu	ephakathi kwe-14 ne-19.
	abasebatsha. Ufhanda ukuya	Uthanda ukuphulaphula lPadlo
	ecawenl, ukubukela	Mefro ne-SFM. ukubukela lTV,
	umabonakude, ukudtaia	ukuphulaphula umculo werap,
	lbho!a ekhatywayo	ukufunda nokudlala
	nokuphuiaphula umculo	ibasketball. Mbhaleleni
	opholileyo. Mazlbe neefoto	ngesiNgesi nize nifake ifoto
	llncwadi zokuqala	kwincwadi yokuqala. Nantsi
	azithunyeteiwayo. Nanfsl idilesl	idilesi yakhe: P0 Box 45, ApeI,
	yakhe Oshakati Senior	0739.
	Secondary School, P0 Box
	5512, Oshakati, 9000,	UMBUYISELI W1SANI unama-27
	eNamibia.	eminyaka, uthanda
		ukubhalelwa
	UEDWIN SEKGAIA uneminyaka	ngamagqiyazana aneminyaka
	eli-18, unqwenela ukubhalelwa	ephakathi kwama-20 nama-
	ngabaneminyaka ephakathl	27. Uthanda ukubhalela
	kwe-16 nama-20, Uthanda	iincwadi abahlobo, ukufunda
	ukufunda, ukubukela ilfilimu,	iimagazini nokubukela
	ukukhenketha, iikhompyutha	ezemidlalo. Mbhaleleni
	nee-elekfroniks. Makabhalelwe	ngesixhosa, isiNgesi okanye
	ngesiNgesi, isiTswana, isiSuthu	isiBhulu. idilesl yakhe nantsi St
	nesipedl, Idilesl yakhe lthi P0	Albans Maximum, PlBag x
	box 3904, Brlts, 0250.	6055, Port Elizabeth, 6000.


























NGABA UNGENWE SISINAMBUZANE
ENDLEBENI?
Xa kungene isinambuzane endlebeni, khumbula ukuba izinambuzane zithanda ukukhanya. Thambekisa intloko, indlebe ijonge elangeni okanye xa usendlwini uyijongise kukukhanya okuqaqambileyo.
Ungayigquthi indlebe. IsinaMbuzane sinokuphuma
okanye sithi nca kumphutha osendlebeni. Xa kunjalo
kufuneka ubonane nogqirha.

IPEPILE INYANGA UMQALA OBUHLUNGU
Xa kwithuba elizayo uhlaselwa ngumqala obuhlungu okanye ukhohlokhohlo, zama olu nyango lungaqhelekanga - ired hot cayenne pepper. Idarnbisa iintlungu zomqala, utsho ujane Giltinan oligosa eliphambili kwezonyango eBastry University Natural Health Clinic eSeattle.
Inegalelo ekupheliseni ichiza elibangela iintlungu
nesencamini yemithambo-luvo. Iyazithomalalisa de
imithambo-luvo ikwazi ukwenza imisebenzi yayo.
Umxube nje wekota yetispuni yepepile, incindi
yesiqingatha selamuni kwanecephe letyuwa uyakwazi
ukunyanga.

UKUSELA IIPILISI
Iipilisi nekhapsuylzi zihla lu1a xa uziginya nekomityi
yamanzi umile - yima malunga nomzuzu omnye
onesiqingatha wakuba uziginyile.
Kungenjalo zinokuhlala kummizo imizuzu eliqela,
inaxa wambi zinyibilikele apho zibangela isitshisa
okanye ukuba nesicaphucaphu.

ONGAKWENZA XA UKRUNEKILE
Qala ngokubandayo ibe kokushushu kamva - lo ngowona mgaqo omhle wokunyanga ukukruneka, ingongoma nokunye ukwenzakala. Xa usebenzisa amaxizi abandayo, iibhlokho zomkhenkce okanye itawuli emaxizi unokuthomalalisa iintlungu, uthothise ukudumba, unyange isihlunu okanye inkantsi. Ubushushu - amanzi ashushu anokusetyenziswa ukuthomalalisa ukudumba ngenxa yokwenzakala, kunceda nasekuthomaliseni iintlungu nenkantsi, olu ncedo Iukwaphucula umjikelo wegazi kuloo ndawo



BONAXHOSA- November 1996 63




enzakeleyo. Xa okutshisayo kusetyenziswa emva kokwenzakala ubushushu bunokubangela udumbe kakhulu, wophe.

ONKE AM.ANENEKAZI AFUNA LKHALSIYAM
Ukuba ulinenekazi mihla le ufuna ikhalsiyam -mhlawumbi oyifumanayoayanele. Ikhalsiyam ikhusela ukukrunkquka kwamathambo, isifo sokuceketheka kwamathambo nesibangela ukwaphuka kwamathambo namahleza, nokukhokhoba kwamanenekazi amadala.
Abaphandi bathi ukufumana i-1,500mg yekhalsiyam mihla Ie kuyanceda ukulwa imiqondiso yaphambi kokuba uye exesheni, uxinzelelo oluphezulu lwegazi, ukungasebenzi kakuhle kwemithambo-luvo, amahlwili egazi, iyakomeleza ukuze ungahlaselwa lu1a zizifo.

XA UNEBHABHALAZA
Libala ngekofu engenalubisi, sela iincidi zeziqhamo ezingxengiweyo. Ukubusela kakhu1u utywala kukubangela unxanwe nokuluma kwesisu okunokuphazamisana nokutya. Ikofu inokukubangela uchame gqitha kuchama oko kubangela kukhameke amanzi nokukhameka oko kukubangela uhlale unebhabha1aza.
Xa uvuka kufuneka usele ilitha yamanzi kuze kuma-
24 eeyure ibe yenye ilitha. Amanzi akanangxaki kodwa
iincindi zesiqhamo zongeza iikilojoues nepotassium.

UVITHAMINE ULWA NOKUNGAZALI
Uphando lamvanje ludize ukuba uVitamin E ukhuthaza inkanuko yesondo ukwandisa namathuba akho okukhawula. Phofu ke iVithamin E iyawanceda amadoda kwezesondo ukanti ibangela abasetyhini bazale, ibuyisela ukuvukelwa emadodeni, utsho oyingcali ngevithamini, uGqr Early Mindell, umbhali weVitamin Bible.
IVitamin E ifumaneka xa usitya iwheat germ, ibroccoli, ibrussel sprouts, ispinatshi, imifuno eluhlaza enamagqabi, iwhole wbeat, iwhole grain cerea1s, amaqanda, ipeanut butter, isunflower seed, iialmonds namanye amandongomane.
Ezi zikukutya kwexabiso onokulifikelela
zikwayindlela elula yokuqiniseka ukuba ufumana
iVithamin E eyaneleyo.

AMADODA AZIINGEDLE ZECUBA
ASENGOZINI
Amadoda atshaya imidiza ngawona asesichengeni sokubulawa ngumhlaza wemiphunga kunabasetyhini abaziintshayi, Iutsho uphando lweCanadian Journal of Public Hea1th.
Uphando lweminyaka emibini kwiLaboratory Centre for Desease Control eseOttawa lubonise ukuba indoda enye kwamathandathu atshayayo iya kuthi ethubeni ibe nomhlaza wemiphunga xa kuthelekiswa nowasetyhini omnye kwabalithoba.
Kolu phando umahluko ngokuphambili sisibakala
sokuba amadoda aqala eselu1a ukutshaya aze abe
ziinged1e kunabasetyhini. l














llThembeka School yazuza i-R1O 000 lkwiOmo Choir Challenge ngo-1994.
I-Omo Choir Challenge Ifikelele
Kwelinye lnqanaba



I
 -Omo Choir Challenge ikhule ngokukhula ukusukela ngo-1 990 xa yayiqaliswa njengokhuphiswano lweekwayala zezikolo zakwaZulu-Natal, kwaye ngoku ifikelela phantse kwizigidi ezithathu zabantu kanti zingama-900 iikwayala ezikhuphisana kuyo.
OIu khuphiswano ludibanisa iikwayala zeengingqi ezintandathu, ekuyiNorthen Transvaal, ikwazulu-Natal, iEastern Transvaal, iNorth Western Transvaal neMpuma Koloni, kwaye kuyaqala kulo nyaka ukuba kubekho nengingqi yaseFree State/Lesotho.
Nyakenye kwakukhuphisana iikwayala ezingama-6500, laza ibhaso lokuqala lazuzwa yiTsomo High School yaseMpuma Koloni. Kwaqhwatyelwa izandla oko kuba le ngingqi yayiqala ukulungenela olu khuphiswano.
Kulo nyaka sigqibe ekubeni sifake ingingqi yaseFree State/Lesotho kuba abeSuthu bayakuthanda ukucula yaye
siyaqonda ukuba iikwayala zale ngingqi ziza kuzimisela gqitha kolu khuphiswano lweOmo Choir Chatlenge, utshilo uHerb Klein, onguMphathi weMveliso yeOmo.
Kubalulekile nokuba sinike ababhexeshi beekwayala ithuba lokuphucula ulwazi lwabo, ngoko yiloo nto iOmo Choir Challenge inika ababhexeshi beekwayala ezingenele olu khuphiswano ithuba lokuqeqeshwa sekusele iinyanga ezimbini ukuba luqalise, uhambise watsho uMnu. Klein.
Ukuqeqeshwa kwababhexeshi beekwayala kuqale ngojuni kulo nyaka. Kumenywa ababhexeshi beekwayala kusetyenziswa iSebe leMfundo ukuba baye kwiindibano zokubaqeqesha ebezisenziwa kwingingqi nganye. injongo yezi ndibano kukunika ababhexeshi ulwazi olufunekayo emculweni weekwayaia nokubafundisa izinto ezifunekayo kolu khuphiswano.
lculo ekukhutshiswana ngalo,
imithetho nemiqathango yokhuphiswano iyaxoxwa nababhexeshi beekwayala. Ababhexeshi abafundiswe kulo nyaka bathe bafumene ulwazi namava kwezi ndibano.
lzikolo zasezilalini zamabanga aphantsi naphakathi ziyangeniswa kolu khuphiswano baze ababhexeshi beekwayala zazo basebenzise ulwazi Iwabo ukuze unyuke umgangatho wokucula kweekwayala zabo.
lTsomo High School yaseMpuma-Koloni egqwese kwiOmo Choir Challenge ka-1 995 isebenzise imali eyizuzileyo ekuthengeni ipiyano, intongana yombhexeshi nemetronomi.
lzimisele ukusebenzisa imali eseleyo ekukhenketheleni eBhayi ukuze ishicilele ingoma yesikolo eza kuyithengisa inyuse ingxowa-mali yesikolo.
Ngaba luhamba njani olu
khuphiswano?



	62 BONA XHOSA - November 1996

64 BONA XHOSA - November 1996

